Skip to content

Isicwangciso sendlela yokutya enesondlo

Ingaba uyazibuza ukuba ungatya ntoni njengoba ngoku uphila nesifo seswekile? Awuqinisekanga ukuba kokuphi ukutya okuzakulungela iswekile yegazi lakho? Nangona kusoloko kulungile ukudibana nogqirha wezidlo   ukufumana iingcebiso ezenzelwe umntu ngamnye, zikhona  izikhokhelo ngokubanzi ezingakunceda ukuba wonwabele indlela yokutya uphila nesifo seswekile. UPick n Pay wenze isicwangciso sendlela yokutya engakunceda ukuba wenze kanye loo nto.

diabetes meal plan

Isicwangciso sendlela yokutya enesondlo xa unesifo seswekile

Qaphela: Wonke umntu wahlukile kwaye uzakuphendula ngokwahlukileyo ezindidini zokutya. Umzekelo, abanye abantu abanesifo seswekile bangazitya iziqhamo ngomlinganiselo, nangona kwabanye ingenyusa iswekile yabo ibheke phezulu kakhulu. Jonga iswekile yakho yegazi rhoqo kwaye ukhethe ukutya okuwulungeleyo umzimba wakho kunye nokulawula iswekile yakho yegazi.

Umlinganiselo wokutya ubalulekile

Kwakhona kugcine engqondweni ukuba ubalulekile umlinganiselo wokutya. Nokuba uyawubalabala okanye hayi umlinganiselo wesitatshi, kuyafuneka ukuba uqinisekile ukuba icala lesitya sakho linemifuno eluhlaza enezongo, nesixanyana sesitatshi esinefayibha ephezulu engacolwanga (unrefined fibre) kuquka iziqhamo ,nesiqingatha  seprotini engenamafutha. Nasi isicwangciso sendlela yokutya onokusebenzisa njengendlela yokuqala. Ungadawunilowuda iindlela zokupheka apha ngezantsi.

Khuphela esi sicwangciso sokutya

healthy meal plan

Ufuna ukuziprinta uzozisebenzisa kakuhle? Cofa u”Download” kweli qhosa lingezantsi. Zonke iindlela zokupheka izidlo ezikhankanywe kwesisicwangciso zikhona apha ngezantsi.Sicela usixelele ukuba ucinga ntoni ngazo!

Dawuniloda isicwangciso sezindlo ezisempilweni 

Dawuniloda isicwangciso sendlela yokupheka

Umnxeba wezempilo wakwaPick n Pay

Ubusazi na ukuba uPick n Pay uqasha ugqirha wokutya abhalisiweyo ukuze anikeze ngeengcebiso zamahala zendlela yokutya eluntwini? Qhakamshelana nabo ngomnxeba ku 0800 11 22 88 okanye ubathumelele i-imeyile ngqo kuhealthhotline@pnp.co.za ukuqala inkcoko ngendlela yokutya.

Translation by Siwaphiwe Sibeko

Photo by Sara Dubler on Unsplash


Discover more from Sweet Life

Subscribe to get the latest posts sent to your email.

SHARE THIS ARTICLE
What to read next
what is healthy jozi

What is Healthy Jozi?

You may have heard us talking about Healthy Jozi with our South Africans with Diabetes community. Want to know more about it? Discover more from

Read More
Join South Africans with Diabetes on Facebook

Join our diabetes community

Be First to Comment

What do you think?

Our best tips for living well with diabetes, right in your inbox.

Don’t miss your free diabetes newsletter

Sign up for quick monthly updates: