Skip to content

Isikhokelo sokutya kwabantu abanesifo seswekile

“Ndineswekile. Kukuphi ukutya endikutyayo?  Lo ngowona mbuzo uqhelekileyo sibuzwa ngawo kubantu  Bomzantsi Afrika abanesifo seswekile. Kungenxa yoko sidale esi Sikhokelo sokutya seswekile: isikhokelo ngendlela elula yokwenza ukutya ekufuneka ukukhethe, kwaye kubengakanani.

diabetes food guide

Isikhokelo sokutya samahala  sabantu abaphila nesifo seswekile eswekile

Senze esi sikhokelo sokutya sasimahla ukunceda abantu abanesifo seswekile benze ukhetho olusempilweni. Dawuniloda ikopi yakho yasimahla (cofa kuDawunlowudi engezantsi) okanye uyifunde kwi-intanethi.

 Isikhokelo sokutya kwabantu abanesifo seswekile dawunilowda

https://issuu.com/sweetlifemag/docs/diabetes_food_list_book_fa_lores

Yintoni oza kuyifumana ngaphakathi kwesikhokelo seswekile sokutya:

Nanga amanye amaphepha avela ngaphakathi kwesikhokelo, ukukubonisa ukuba loluphi uhlobo lolwazi oza kulufumana. Umbono kukuba iba yitshekhi yemihla ngemihla ukuze ubone ukuba loluphi ukhetho ekufuneka ulwenzile xa usitya isidlo sakusasa, isidlo sasemini kunye nesangokuhlwa.

Kutheni senze esi sikhokelo sabantu 

Sifuna ukunceda: siyazi ukuba kunokuba nzima kangakanani ukuthatha isigqibo sokuba uzokutya ntoni – kwaye kangakanani – xa unesifo seswekile. Siyathemba ukuba le ncwadi izakunceda: ikuxelela ukuba kukuphi ukutya onokukhetha kuko kwaye kukuphi kukutya okunempilo. Yenzelwe abantu abanohlobo loku-1 lwesifo seswekile kunye nohlobo lwesi-2 lwesifo seswekile

Ukukhathalela  isifo sakho seswekile  kubaluleke kakhulu. Ukutya okufanelekileyo kunokukunceda uphile ubomi obuqhelekileyo, obunempilo. Nantsi into onokuyikhethela wena nosapho lwakho.

Khumbula:

» Musa ukutsiba izidlo.
» Yitya imifuno yonke imihla.
» Yitya iimbotyi ezomileyo, ii-erityisi, iilentile kunye nesoya rhoqo.
» Khetha iioyile zemifuno endaweni yamafutha aqinileyo.
» Sukusebenzisa ityuwa eninzi okanye utye ukutya okunetyuwa.
» Zama ukugada iswekile.
» Sela amanzi acocekileyo nakhuselekileyo yonke imihla.
» Zilolonge ngakumbi.

Awuwedwa kule nto!

Nceda ujoyine uluntu lwethu kuFacebook:  Abantu baseMzantsi Afrika abanesifo seswekile. Okanye jonga ku www.sweetlife.org.za okanye www.pnp.co.za/livewellngesifo seswekile kunye nolwazi lokutya.

Ngaba ikhona into engekhoyo kwesi sikhokelo? Nceda usixelele apha 


Discover more from Sweet Life

Subscribe to get the latest posts sent to your email.

SHARE THIS ARTICLE
What to read next
what is healthy jozi

What is Healthy Jozi?

You may have heard us talking about Healthy Jozi with our South Africans with Diabetes community. Want to know more about it? Discover more from

Read More
Join South Africans with Diabetes on Facebook

Join our diabetes community

Be First to Comment

What do you think?

Our best tips for living well with diabetes, right in your inbox.

Don’t miss your free diabetes newsletter

Sign up for quick monthly updates: